Hosea 8:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bekuvela kwa‐Sirayeli kwa lona: incibi yalenza; alinguye utixo lona: ngenyaniso itole lase‐Samariya loba ngamaqekeza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba nalo elo liphuma kwaSirayeli; lenziwe yingcibi, aliThixo lona; ke liya kucoleka ithole lakwaSamari.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba nalo laliphuma kwaSirayeli: lalisenziwa ngomsebénzi; ngoko ke, asinguThixo, kodwa lithole laseSamariya eliya kutyunyuzwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Tholendini lenziwe yingcibi yakwaSirayeli! Hayi, asiThixo le nto iyenzileyo. Ngenene elo thole laseSamariya liya kuntlekeka libe ziingceba.