Hosea 8:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba behlwayele umoya, kukona baya kuvuna isaqwiti: akuko izela kubo; okuhlumayo akuyi kuwenza umgubo: ukuba umhlaumbi kuyawenza, abasemzini bowuginya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba behlwayele umoya, baya kuvuna isaqhwithi. Akukho zimba kuwo; isithombo asenzi sikhwebu; nokuba besithe saba naso, besiya kudliwa ngabasemzini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba babehlwayele umoya, bavuna umoya osisaqhwithi; ihlumelo aliyi kuvelisa umgubo; ukuba kunjalo, boyidla abasemzini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Bona bahlwayela umoya, kanti bavuna isaqhwithi. Ingqolowa ziziphunzi ezingathwalanga; ngoko ke tu isivuno. Enoba besingade sifumaneke bezingafikayo iintlanga zizenzele.