Hosea 9:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndamfumana u‐Sirayeli njengedreyive entlango; ndababona oyihlo benu njengolibo lwomkiwane ekuqaleni kwa lo; kodwa baya ku‐Bali‐pehori, bazahlulela kwelohlazo; baba buntshontsho, njengoko bakutandayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndamfumana uSirayeli enjengeediliya entlango; ndababona ooyihlo benjengamakhiwane aqalelayo emkhiwaneni, ekuqaleni kwawo; basuka bona baya kuBhahali-pehore, bazahlulela entweni eziintloni, baba yinto enezothe, njengesithandane sabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndamfumana uSirayeli enjengediliya entlango; Ndabubona uyihlo njengeqabaka kuwokuqala umkhiwane; Ke bona baya eBhahali-pehore, bazahlula beneentloni; namadlavu awo asala ngokokuthanda kwawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndathi mhla ndamfumana uSirayeli kwanga ndibhaqe iidiliya entlango; mhla ndabafumana ookhokho benu yaba ngathi ndibhaqe amakhiwane, makhiwane ke alulibo. Bathe bakufika eBhali-pehore suka bazinikela kuBhali, baza bagqwaliseka njengaye kum.