Hosea 9:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuba bakulisa abantwana, sendiya kubahluta bona, bangabiko pakati kwabantu: koko kuya kuba nzima kubo, nxa ndimkayo kubo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ewe, nokuba bathe bakhulisa oonyana, ndobahlutha abantwana, kungabikho luntu. Yeha ke bona, ekusukeni kwam kubo!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nokuba bathe bakhulisa oonyana, ndobaphanga, kungabikho usalayo; ewe, yeha nabo xa ndibashiya!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Naxa benabo abantwana abakhulayo ndobatshayela kuthi tu. Mawo-o-o! Yeka mhla ndabafulathela!