Hosea 9:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Frayime, njengokuba ndabona i‐Tire, utyaliwe endaweni emnandi; kodwa u‐Frayime wopuma nabantwana bake ukuya kumbulali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ndazibonela uEfrayim, ukuba abe yiTire, etyelwe ekriweni; kodwa uEfrayim uya kubakhuphela kumbulali oonyana bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Njengoko ndayibonayo iTire, uEfrayim uzinzile ekriweni, kodwa uEfrayim uya kubakhokelela kumbulali oonyana bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndambona uEfrayim enjengeTire, emi kwisithabazi somhlaba. Kambe abantwana bakhe baya kuzingelwa, bona boba zizisulu zokubulawa.