Hosea 9:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yonke inkohlakalo yabo ise‐Gilegale; ngokuba apo ndabatiya; ngenxa yenkohlakalo yezenzo zabo, ndobagxota endlwini yam; andisayi kubuya ndibatande; zonke inkosana zabo zingabanenkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke ububi babo buseGiligali; kuba ndaqala ukubathiya khona. Ngenxa yobubi beentlondi zabo, ndiya kubagxotha endlwini yam; andiyi kuphinda ndibathande; bonke abathetheli babo baziinjubaqa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke ububi babo buseGiligali, kuba ndabathiya khona; ngenxa yobubi beentlondi zabo, ndiya kubagxotha endlwini yam, ndingabi sabathanda;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yezono abazenza eGiligali mna ndatsho ndabacaphukela. Ngenxa yezenzo zabo ezigwenxa ndiza kubagxotha endlwini yam. Ukubathanda kwam kwaphusile; kaloku iinkokheli zabo zindivukele.