Hosea 9:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abayi kutululela uyehova iveyine, kanjalo ayiyi kuba mnandi kuye imibingo yabo; yoba njengesonka sabalusizi kubo; bonke abadlayo kuso baya kunco̔liswa: ngokuba isonka sabo soba sesompefumlo wabo; asiyi kungena endlwini kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abayi kumthululela uYehova iwayini, ayiyi kuba mnandi kuye nemibingelelo yabo; ukudla kwabo kubo kuya kuba njengesonka sabalilayo. Bonke abakudlayo baya kuba ziinqambi; ngokuba ukudla kwabo kuya kuba kokwabo, akuyi kungena endlwini kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abayi kuzisa iwayini kuYehova, yaye abayi kumkholisa; basuke ababuleweyo babe njengesonka sosizi kubo; Bonke abayidlayo boba ziinqambi; ngokuba ukudla kwabo akuyi kungena endlwini kaYehova ngenxa yomphefumlo wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, uNdikhoyo abayi kumenzela iminikelo yewayini; ayiyi kumanelisa iminikelo yabo. Kubo lo mnikelo wofana nesonka sabazili – abawutyileyo baya kuba nomlaza. Ukutya kwabo kolungela bona kuphela – akuyi kunikelwa kwindlu kaNdikhoyo.