Isaiah 1:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuyinto nina kum ukuba mininzi kwemibingo yenu? utsho uyehova. Ndidikiwe ngamadini enkunzi zegusha, nenqata lenkomo ezityetyisiweyo; kanjalo igazi lenkunzana, nelemvana, nelebokwe andilitandi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeyani na kum le mibingelelo yenu mininzi kangaka? utsho uYehova. Ndidikiwe ngamadini anyukayo eenkunzi zeegusha, namanqatha amathole atyetyisiweyo; negazi leenkunzi ezintsha, neleemvana, neleebhokhwe, andilinanzile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeyani na kum le mibingelelo yenu mininzi kangaka? utsho uYehova. Ndanelisekile ngamadini anyukayo eenkunzi zeegusha, namanqatha amathole atyetyisiweyo; kwaye andikholiswanga ligazi leenkunzi zeenkomo, neleemvana, neleenciniba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uNdikhoyo uyakhala ngawe, Sirayeli; uthi: “Ngawani ke ngoko la madini angakanana? Mna ndidikiwe ziinkunzi zeegusha ezitshiswayo. Ndanele nangamanqatha enyama etyebileyo. Andisalifuni igazi leenkunzi zeenkomo, nditsho nelamaxhwane eegusha neebhokhwe.