Isaiah 1:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Inyanga zenu ezitwasileyo nemitendeleko yenu emiselweyo umpefumlo wam uyazitiya; ziyindiniso kum; ndidiniwe kukuzinyamezela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuthwasa kweenyanga zenu, namaxesha enu amisiweyo, umphefumlo wam uwathiyile; asuka aba bubunzima kum; ndidiniwe kukuwathwala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuthwasa kweenyanga zenu namatheko enu awawuthiyile umphefumlo wam; ilishwa kum; Ndidiniwe kukunxiba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndiyawenyanya onke amatheko enu; nditsho nala okuthwasa kwenyanga. Kaloku ngoku asuke aluxanduva, ndaye ke ndidiniwe kukuluthwala.