Isaiah 1:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yivani, mazulu! unike indlebe, mhlaba! ngokuba uyehova eteta: Abantwana ndibakulisile ndabondla, kanti ke bona, baqipukelene nam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yivani, mazulu; bekani indlebe, hlabathi, ngokuba kuthetha uYehova. Uthi, Ndikhulise abantwana ndabondla, besuka bakreqa kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yivani, mazulu, uve, hlabathi, ngokuba uYehova ethethile, esithi, Ndivelele, ndikhulise abantwana, bandizukisa ke bona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hoyi-i-i-na! Hoyina, mazulu! Bek' iindlebe, nawe hlabathi! Kaloku *uNdikhoyo uthethe wathi: “Ndakhulis' abantwana ndabondla, kodwa ke ngoku bajike bandivukela.