Isaiah 1:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanti ukuba niyala, ningeva nokuva, niya kudliwa sisiṙele: ngokuba umlomo kayehova utshilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba nithe anavuma, naba neenkani, nodliwa likrele; kuba umlomo kaYehova uthethile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba nithe anavuma, naqhayisa, nobhujiswa likrele, kuba umlomo kaYehova uthethile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke xa ningafuni, nindivukela, niza kusuka nibe lixhoba lekrele. Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo!”