Isaiah 1:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
inkosana zako zinenkani, zingamakolwane amasela; zonke ngezinye ziyatanda amabaso, ziputume imivuzo; inkedama aziyiteteleli, netyala lomhlolokazi alizi kuzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abathetheli bakho baziinjubaqa, ngamadlelana namasela;bathanda izicengo bonke bephela, basukela imivuzo; ityala lenkedama abaligwebi, netyala lomhlolokazi alinakufika kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abathetheli bakho ngabakreqi, ngamadlelana namasela; wonke umntu uyazithanda izipho kwaye usukela imivuzo; abaligwebi inkedama, ityala lomhlolokazi alifiki kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iziphathamandla zakho zizibhoja, abafo abalala ngangubo-nye namatutu. Bathwangekile kukufun' izipho nezicengo; abaziinkedama abanaxesha labo, kanti nabahlolokazi abazidubi ngabo.