Isaiah 1:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoba nzima kuso isizwe esonayo, abantu abasindwa lityala, inzalo yabenzi bokungalungileyo, usapo olwonakalisayo! Bamshiyile uyehova, bamdelile oyingcwele ka‐Sirayeli, bahlehlile ngomva.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Hayi, luhlanga lonayo, bantu banobugwenxa, mbewu yabenza ububi, nyana bonakalisayo! Bamshiyile uYehova, bamgibile oyiNgcwele kaSirayeli, babuyela emva.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Luhlanga lonayo, luhlanga luthwaxwa bubugwenxa, sizukulwana samanginingini, esiziinqambi; Bamnikela umva uYehova, bemgculela oyiNgcwele kaSirayeli, bajikile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yeha ke, sizwe samanyundululu, abantu abasuntsubala bubugwenxa, nzalandini yamatshijolo, sizukulwanandini sonakalisayo! Kaloku nikreqile nina kuNdikhoyo, nisuke namdelela uYedwa kaSirayeli; ewe ngenene, nihlehlile namfulathela.