Isaiah 1:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa kuwo umzantsi wonyawo kude kube kuyo intloko, akuko kupila kuwo; ngamanxeba, nemivimbo, nezilonda ezitsha; azincinezelwanga, azibotshwanga, azitanjiswanga ngeoli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuthabathele enkwalini yonyawo, kwesa entloko, akukho ndawo iphilileyo; ziinduma, nemivumbo, namanxeba amatsha:akacudiswanga, akabotshwanga, akathanjiswanga ngaoli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukususela entendeni yonyawo kwesa entloko akukho mntu uphila kamnandi kuyo; ibingamanxeba, nemivumbo, namanxeba amatsha;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phantsi elunyaweni kuye entloko phezulu, hayi konke, kulityufu-tyufu nje! Kuziingongoma, kuziinduma; azicudiswanga, zingakhanyelwanga nangachiza; ewe, khange zikhathalelwe zibotshwe!