Isaiah 10:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba esiti: Kungamandla esandla sam endikwenzileyo, nangobulumko bam; ngokuba ndinokuqonda. Sendishenxisile imida yabantu, nendyebo zabo ndizitimbile; nanjengonamandla ndibawisile abo bahleli eziteroneni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba uthe, Ndenze ngamandla esandla sam nangobulumko bam;ngokuba ndinengqondo, ndayishenxisa imida yezizwe, ndaziphanga iimpahla zazo, ndabahlisa njengenkunzi eyimbalasane abahleli ezitroneni;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba wathi, Ndenza ngamandla esandla sam, nangobulumko bam; ngenxa enokuba ndilumkile, ndayishenxisa imida yezizwe, ndabuthabatha ubuncwane babo, ndabaphanzisa abantu njengendoda enobukroti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ithi: “ ‘Lo ngumsebenzi wamandla am! Obu bubunkunkqela nengqiqo yam! Ndiyidedisile imida yezizwe, ndaza ndazenzela kwindyebo yazo; njengengangamsha ndizikhiqile izikumkani.