Isaiah 10:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, isikanyiso so‐Sirayeli soba ngumlilo, noyingcwele yabo woba lilangatye; wauya kutshisa ugqibe imitolo yake nembobo zake emhleni mnye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukhanyiso lukaSirayeli luya kuba ngumlilo, oyiNgcwele wakhe abe lilangatye, litshise lidle amakhakakhaka akhe nobobo lwakhe ngamini-nye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukhanyiso lukaSirayeli luya kuba ngumlilo, oyiNgcwele wakhe abe lilangatye; kwaye ngenye imini liya kutshisa, litshise ameva alo nameva;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UThixo olukhanyiso lukaSirayeli wosuka afike abe ngumlilo, uYedwa kaSirayeli abe lidangaty' elilenyayo, ngamini-nye abhubhise konke nje, nditsho nameva kunye nobobo.