Isaiah 10:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti ngomhla lowo, isisalela so‐Sirayeli, nabasindileyo bendlu ka‐Yakobi, abasayi kupinda ukwayama pezu kwalowo ubabetileyo, baya kwayama pezu kwoyehova, oyingcwele ka‐Sirayeli, ngenyaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuthi ngaloo mini, angabi saphinda amasalela akwaSirayeli, nabasindileyo bendlu kaYakobi, bayame ngobabethayo; baya kwayama ngoYehova oyiNgcwele kaSirayeli, benyanisile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuthi ngaloo mini, angabi sahlala amasalela akwaSirayeli, nabasindileyo bendlu kaYakobi, nabawaxabelayo; kodwa mna ngokuqinisekileyo ndiya kuma phambi koYehova, Lowo Ungcwele kaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Liyeza ixesha apho elo qaqobana lisindileyo lamaSirayeli lingayi kuba saqamela ngalowo ulenza ixhoba. Ngelo xesha amaSirayeli aya kukholosa ngokupheleleyo *ngoNdikhoyo uThixo onguYedwa kaSirayeli.