Isaiah 10:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova wemikosi eya kumvusela izwiniya, njengokubulawa kwama‐Midiyane eweni lika‐Worebe: intonga yake yoba pezu kwolwandle; woyipakamisa ngesiko le‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ajiwule phezu kwakhe uYehova wemikhosi iziniya, njengoko wabetha amaMidiyan eweni likaOrebhe; intonga yakhe ibe phezu kolwandle, ayiphakamise ngohlobo lwamaYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye uYehova wesaqhwithi uya kumqwenga, njengoko amaMidiyan awoyiswa kwiliwa likaOrebhe; kwanjengokuba ibinjalo intonga yakhe phezu kolwandle, uya kuyiphakamisa ngokohlobo lwaseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mna Ndikhoyo onamandla onke ndiya kuwathwaxa kwangalaa ndlela ndawabetha ngayo amaMidiyan kwiliwa laseOrebhe. Isohlwayo sam kuma-Asiriya yoba kwaseso ndawabetha ngaso namaJiputa.