Isaiah 10:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngapandle kwam baya kuguqa ngapantsi kwababanjwa, baya kuwa ngapantsi kwababuleweyo. Kodwa noko ingqumbo yake ayinqandwa, isandla sake sisolulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akukho kumbi, sekukukuguqa phakathi kwabakhonkwixeyo, bawe phakathi kwababuleweyo. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe, sisolukile isandla sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphandle kwam baya kuguqa phakathi kwabathinjwa, bawe phakathi kwababuleweyo. Ngenxa yoko awubuyanga umsindo wakhe, kodwa isandla sakhe sisasolulile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, koba kungasekho ndlela-mbini ngaphandle kokuzinyakathisa phakathi kwabathinjwa, okanye nirhuqwe ndawonye nabaginwa. Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile; nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!