Isaiah 10:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngakuso isizwe esibuginwa ndiya kumtuma, nangakubo abantu bokuṙala kwam ndomyalezela; ukutimba amaxoba, nokupanga impango, nokubenza into yokunyatelwa pantsi njengodaka lwezitarate.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kumthumela kuhlanga oluyintshembenxa, ndimwisele umthetho ngabantu bokuphuphuma komsindo wam, ukuba athimbe amaxhoba, aphange okuphangiweyo, abenze into yokunyathelwa njengodaka lwezitrato.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiza kumthumela kuhlanga lwabahanahanisi, yaye ndiya kumyalela nxamnye nabantu bomsindo wam ukuba athabathe okuthinjiweyo aze athabathe into ethinjiweyo aze abanyathele njengodaka ezitratweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndibathumela ngaye abangakhathalele Thixo; ndibabetha ngaye abandicaphukisayo, ukuze abathimbe, axhaphaze amaxhoba, abaxovule njengodaka endleleni.