Isaiah 10:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yena kodwa, akacamangi njalo, nentliziyo yake yona ayiqingi njalo; koko ukutshabalalisa kusentliziyweni yake, nokunqamla izizwe ezingezincinane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke yena akabi kunjalo; intliziyo yakhe ayiyicingi loo nto;ngokuba okusentliziyweni yakhe kukutshabalalisa nokunqumla iintlanga ezingembalwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke akenjinjalo; intliziyo yakhe ayiyicingi loo nto; kodwa kusentliziyweni yakhe ukutshabalalisa nokutshabalalisa iintlanga ezimbalwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke yena uAsiriya akakhw' apho; kuthe kanti yena unanjongo yimbi. Suka yena wazimisela ukutshabalalisa; izizwe yena ufun' ukuzicim' igama.