Isaiah 11:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti ngomhla lowo, ingcambo ka‐Jese, eya kuma ibe yibanile yezizwe, kwa kuyo yona abaheyideni baya kufuna; nendawo yokupumla kwayo yoba ’bungcwalisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuthi ngaloo mini, ihlumelo likaYese, elimele ukuba yibhanile yezizwe, iintlanga ziquqele kulo; nendafo yokuphumla kwalo ibe bubuqaqawuli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini kuya kubakho indoda yakwaYese, eya kuma njengoqhwithela lwabantu; Emveni koko ziya kufuna iintlanga, yaye ukuphumla kwakhe kuya kuba nobuqaqawuli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngaloo mihla lowo ungumnombo kaJese uya kuba yimbasa yezizwe. Zona ziya kuqokelelana kuye komkhulu, lize ibhotwe lakhe libe nendili.