Isaiah 11:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kubako umendo kwisisalela sabantu bake, abo abaya kusala, uvela e‐Asiriya, njengokuba wabuko ko‐Sirayeli, emhleni babenyuka ezweni le‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kubakho umendo wamasalela abantu bakhe, abaya kusala eAsiriya, njengoko kwaba njalo kumaSirayeli, mini anyuka ephuma ezweni leYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kubakho umendo wamasalela abantu bakhe, abaseleyo eAsiriya; njengoko kwakunjalo kuSirayeli, ngemini yokunyuka kwawo evela ezweni laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nanko uhola wendlela ephuma kwelaseAsiriya khon' ukuze amasalela abuye ngaye; ewe, kaloku, koba njengamhla-mnene, mhla uSirayeli waphum' eJiputa.