Isaiah 11:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuyi kupatwa kakubi, akuyi kubujiswa kanjako, kuyo yonke intaba yam eyingcwele; ngokuba umhlaba uya kuzala kukwaziwa kukayehova, njengokuba amanzi egubungela ulwandle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ezo zinto aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele; ngokuba ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aziyi kwenzakalisa okanye ziyonakalisa intaba yam engcwele iphela, ngenxa yokuba umhlaba uya kuzala kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
EZiyon, intaba ekhethekileyo, akusayi kubakho owonayo notshabalalisayo; njengolwandle lwambathiswe ngamanzi, ehlabathini uNdikhoyo uya kwaziwa jikelele.