Isaiah 12:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngawo umhla lowo uya kuti: Ndiya kudumisa wena, Yehova! nakuba ubundiqumbele, seibuyile ingqumbo yako, waza wandonwabisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kuthi wena ngaloo mini, Ndiyabulela kuwe, Yehova, ngokokuba ubundiqumbele, waza wabuya umsindo wakho, wandithuthuzela wena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini uya kuthi, Yehova, ndiya kubulela kuwe; nangona ubundiqumbele, wabuya umsindo wakho, wandithuthuzela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mini ke niya kudanduluka nisithi: “Ewe, ndiyakubulela, *Ndikhoyo, kuba nakuba ubundiqumbele suka wetha umsindo wakho, wajika wena wandithuthuzela.