Isaiah 13:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Intsatshana zabo ziya kutyunyuzwa pambi kwamehlo abo; izindlu zabo ziya kupangwa, nabafazi babo bodlwengulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zocunyuzwa iintsana zabo phambi kwamehlo abo, ziphangwe izindlu zabo, balalwe abafazi babo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye abantwana babo baya kutyunyuzwa phambi kwamehlo abo; izindlu zabo ziya kuphangwa, nabafazi babo baya kuhlaziswa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iintsana zabo ziya kuntlekezwa, abazali bebukele ngawabo amehlo. Imizi yabo iya kuphangwa, nakubafazi ke kube yiloo nto.