Isaiah 13:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ayisayi kumiwa napakade, akuyi kuhlalwa kuyo kwisizukulwana ngesizukulwana; um‐Arabi akayi kumisa intente kona, nabalusi abayi kubutumisa kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ayi kumiwa naphakade, ayi kuza ihlalwe ezizukulwaneni ngezizukulwana, angagxumeki ntente khona nomArabhi, nabalusi bangakhi khona buhlanti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aliyi kuba sanabemi, yaye ukususela kwesinye isizukulwana ukuya kwesinye liya kuba sanabemi; nomArabhu akanako ukumisa intente khona; yaye abalusi abayi kwenza nawuphi na umhlambi apho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yona soze iphinde imiwe mntu. Yoba zizizukulwana ingahlalwa mntu, kungekho nam-Arabhu womisa ntente kuyo; nabelusi soze babe salusela khona.