Isaiah 13:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko amaṙamncwa asentlango aya kubutuma kona, ziti izindlu zabo zizaliswe ngezihuluhulu; inciniba ziya kuhlala kona, nembuzi ezilixonti ziya kuqakata kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Obutha khona amarhamncwa omqwebedu, zizale izindlu zabo zizihuluhulu, kuhlale iinciniba khona, kuqakathe izinto ezimaxhonti khona;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa amarhamncwa asendle aya kuba yindle; nezindlu zabo ziya kuzaliswa zizidalwa; kuya kuhlala khona izikhova, kuphaphazele khona iintaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iya kuba likhaya lamarhamncwa; badakase khona noodyakalashe; iya kusala ilikhaya lezihulu-hulu, nemigewu yeebhokhwe iqakathe khona.