Isaiah 13:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
baya kwetuswa; inimba nentlungu ziya kubabamba; njengomfazi ozalayo baya kututumba; baya kukangelana ngokuti nqa; ubuso babo boba bubuso bamalangatye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakhwankqile, bafikelwe kukupenapena nayinimba;bayazibhijabhija njengozalayo, bakhwankqiswe ulowo nguwabo;ubuso babo bubuso bamalangatye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kunkwantya; baya kufikelwa bububi naziimbandezelo; baya kuva ubunzima njengozalayo; ziyangqubana; ubuso babo buya kuba njengamalangatye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke ke bosuka bee nkamalala; bosuka babhinyalaze bezibhija-bhija; bopena-pena ngathi ngumfazi olunywayo. Baya kukrwaqulana bethe khumnqa; ewe, boba sebenyoshoza ziintloni.