Isaiah 13:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, umhla kayehova uyeza! unobukali, unokuṙala, unengqumbo eshushu, ukwenza ilizwe ingcitakalo, naboni balo ukubatshabalalisa kwa kulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, imini kaYehova iyeza, inobujorha, iphuphuma umsindo, ishushu, ukuba ilenze libe senkangala ilizwe, ibatshabalalise aboni balo kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, imini kaYehova iyeza, inobujorha, ishushu, ishushu, ukuze iliguqule ilizwe libe yintlango; abatshabalalise aboni bakhe kulo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenene imini kaNdikhoyo ifikile; yona yimin' enzima yengqumbo, elo lizwe loxusheka litsho libe yinkangala; bonke abakhohlakeleyo kulo batshatyalaliswe.