Isaiah 14:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova eya kuba nenceba pezu kwo‐Yakobi, abuye aqashe o‐Sirayeli, abahlalise kowabo umhlaba; nabasemzini baya kuzibandakanyela kubo, baya kunamatela kwindlu ka‐Yakobi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba uYehova uya kuba nemfesane kuYakobi, abuye awanyule amaSirayeli, awahlalise emhlabeni wakowawo, bathelele kuwo abasemzini, bahlomele endlwini kaYakobi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba uYehova uya kuba nemfesane kuYakobi, angawanyuli amaSirayeli, awashiye emhlabeni wawo; nabasemzini baya kuzimanya nabo, banamathele kwindlu kaYakobi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke *uNdikhoyo woba nemfobe ngoYakobi, abuye azichongele uSirayeli. Uya kumbuyisela kumhlaba wakhe, neentlanga ke zosuka zithontelane khona, zizibandakanye nendlu kaYakobi.