Isaiah 14:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye abantu beya kubatabata, babazise endaweni yabo: yoti indlu ka‐Sirayeli ibafuye emhlabeni kayehova njengezicaka nanjengezicakakazi; baya kutimba abo babetinjiwe ngabo, bapate pezu kwababandezeli babo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ziya kuwathabatha izizwe, ziwazise endaweni yawo: bazifuye zona abendlu kaSirayeli emhlabeni kaYehova, zibe ngamakhoboka namakhobokazana, babe ngabathimbi babathimbi babo, babe nobukhosi kubaqhubi babo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abantu baya kubathabatha, babase endaweni yabo; kwaye abendlu kaSirayeli baya kuwadla ilifa ezweni likaYehova, babe ngabakhonzi nezicakakazi; kwaye baya kubalawula abacinezeli babo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izizwe ziya kuwagodusa amaSirayeli, ziwabuyisele kwilizwe awalinikwa nguNdikhoyo; zona zoba zizicaka zamaSirayeli. Abathimbi bamaSirayeli bojika babe ngabathinjwa bawo, wona amaSirayeli alawule abo babefudula bewacinezela.