Isaiah 14:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ungavuyi, wena Filistiya yonke! ukuba intonga ekubetileyo yapukile: ngokuba engcanjeni yenyoka kuya kupuma ibasiliske, nesiqa̔mo sayo soba yinyoka ebumliloṙa epapazelayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musa ukuvuyelela, wena Filisti uphela, ngakuba yaphukile intonga ebikubetha; kuba engcanjini yenyoka kuphuma irhamba, isiqhamo sayo sibe yinyoka etshisayo, ephaphazelayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musa ukuvuya, Palestina, lonke, ngakuba yaphukile intonga ebikubetha; kuba engcanjini yenyoka kuya kuphuma umthi, isiqhamo sawo sibe yinyoka yomlilo, ephaphazelayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke wena, Filistiya, yithi rhubaxa! Ewe, musa ukuzikhohlisa uthi: “Intonga ebendibethwa ngayo yaphukile,” kuba kwakuloo mnombo kosuka kuthi gqi irhamba; inzala yalo ke inobuhlungu kangako.