Isaiah 14:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuze kupendulwe nto nina kwizigidimi zesizwe? Kukuba uyehova umisile i‐Ziyone, nokuba ababandezelwa babantu bake bopepela kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathini na ukuphendula abathunywa beentlanga? Bathi, UYehova uyisekile iZiyon, zozimela ngayo iintsizana zabantu bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathini na ukuphendula abathunywa beentlanga? Ukuba uYehova uyizinzisile iZiyon, yaye amahlwempu abantu bakhe baya kukholosa ngayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa kodwa singaphendula sithini ukuthetha namakhankatha eso sizwe? Ewe, sowaphendula sithi: “UNdikhoyo uyimise wayimilisela iZiyon, ngoko ke zozimela kuyo iintsizana zakhe!”