Isaiah 15:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
I‐Heshebone iyakala, kwa ne‐Elehale; kude kwase‐Yahetsa liviwe ilizwi labo; ngako oko abaxo̔bileyo bakwa‐Mowabi bayadanduluka: umpefumlo wake uyatutumela pakati kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iyakhala iHeshbhon ne-Elale, lide laya kuvakala naseYahazi izwi labo; ngenxa yoko abaxhobileyo bakwaMowabhi benza isijwili, umphefumlo wabo uyajijitheka kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iya kubiza iHeshbhon, ne-Elehali; ilizwi labo liya kuvakala naseYatsa; ke ngoko amagorha axhobileyo akwaMowabhi aya kuduma; ubomi bakhe buya kuba nzima kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaHeshbhon namaElale ayabhomboloza; isikhalo sawo sivakala naseYahaza. Kubi, namajoni ngokwawo ayakhalaza; kaloku nawo ngoku angenwa yingevane.