Isaiah 15:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Intliziyo yam iyakala ngenxa ye‐Mowabi; abasabi bayo bayasabela e‐Tsohare, njeng etokazi eliminyaka mitatu; ngokuba benyuka ngeqina lase‐Luhiti, belila; ngokuba endleleni yase‐Horonayime bevusa isikalo sentshabalalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Intliziyo yam iyakhala ngokubona uMowabhi, omivalo ide yesa eTsohare, elithokazi elilizibulokazi; kuba banyuka eqhineni laseLuhiti belila; kuba endleleni yaseHoronayim bakhaliswa kukwaphulwa kwabo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Intliziyo yam iyakhala ngenxa kaMowabhi; abasabayo bakhe baya kusabela eTsohare, ithokazi lenkomo eliminyaka mithathu; kuba endleleni yaseHoronayim baya kuduma ngentshabalalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke mna ke ndikhalela iMowabhi, kuba abantu bayo babhacel' eZoware, basabele e-Egelati-sheleshiya. Nâbo bekhwina benyuka iLuti; benz' isimbonon' ukusing' eHoronayim, benesingqala ngenxa yentshabalalo.