Isaiah 16:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa kaloku uyehova utetile ngokuti: Pakati kweminyaka mitatu, njengeminyaka yomqashwa, ababungcwalisa bakwa‐Mowabi baya kudelwa, kunye nabo bonke abasihlwele esikulu; nesisalela sona soba sincinane kunene, singenamandla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku ke uYehova uthetha esithi, Ngeminyaka emithathu, njengeminyaka yomqeshwa, buya kucukucezwa ubuqaqawuli bukaMowabhi, naloo ngxokolo yonke eninzi, amasalela abe mancinane, abe mbalwa, angabi makhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha uYehova, wathi, Kungekadluli iminyaka emithathu, njengeminyaka yomqeshwa, buya kudeleka uzuko lukaMowabhi, kunye nenani elikhulu labantu; kwaye intsalela iya kuba ncinane kakhulu, ibe buthathaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ngoku uNdikhoyo uthi: “Kwiminyaka emithathu yokunyamezela ubutyebi beMowabhi buya kuphel' emehlweni. Obu bunewu-newu naloo nyambalala yabantu konke kuya kutshabha, naloo mingqandanda isindileyo yoba ngamabhetye-bhetye.”