Isaiah 16:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sivile ir̔atshi lika‐Mowabi, (uner̔atshi kakulu,) ukuzidla kwake, nokuqanqalaza kwake, nokukukumala kwake: ziyinto engendawo ilwimi zake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Silivile ikratshi likaMowabhi, ikratshi elikhulu. Hayi, ukukratsha kwakhe! Hayi, ikratshi lakhe nokuphuphuma komsindo wakhe, ukuphololoza kwakhe into engeyiyo!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Silivile ikratshi likaMowabhi; unekratshi kakhulu, ewe, nekratshi lakhe, nekratshi lakhe, nomsindo wakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sivile ngokuzikhukumalisa kwamaMowabhi, elingako lona ikratshi nendelelo; ewe, angade abe ucikekile likratshi, kodwa ke, akulele nto apho.