Isaiah 16:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba amasimi ase‐Heshebone ebunile; umti weveyine wase‐Sibama inkosi zezizwe zapule amasebe awo adumileyo; afikelela e‐Yahezere; alahlekela entlango; amahlumelo awo azandlele, agqitela elwandle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba amasimi aseHeshbhon antshwenyile, nomdiliya waseSibhema. Abantu beentlanga bayivithile imidiliya yawo yohlobo; ibide yaya kufika eYazere, yanabela entlango, amasebe ayo anaba ada awela ulwandle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba amasimi aseHeshbhon abunile, neediliya zaseSibhema; Abathetheli beentlanga baziqhekeza iziseko zabo, beza eYazere, babhadula entlango; amasebe awo anaba phezu kolwandle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amasimi aseHeshbhon ayadodobala, nezidiliya zaseSibhema zitshabalele. Amakhosi ezizwe azixangxathile izidiliya zodidi, zona fudula zifikelela eYazere, zenjenjeya zithi xhaxhe ngentlango, amasebe azo ethe gaa ngolwandle.