Isaiah 16:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko ndiya kulilela umti weveyine wase‐Sibama ngokulila kwabase‐Yahezere; ndokunyela ngenyembezi zam, Heshebone, ne‐Elehale! ngokuba pezu kweziqa̔mo zehlobo zako napezu kwokuvuna kwako umemezo lwokulwa luwile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko ndiyawulilela ngokulila kweYazere umdiliya waseSibhema; ndikunyakamisa ngeenyembezi zam, Heshbhon, nawe Elale, ngokuba ukuvunwa kweziqhamo zakho nokuvunwa kweediliya zakho kufikelwe ngamayeyeye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko ndiya kuwulila ngokulila kukaYashere, womdiliya waseSibhema; ndikunyakamisa ngeenyembezi zam, Heshbhon, nawe Elale, ngenxa yokuba ukukhala kwakho kuye kwafika ngenxa yeziqhamo zakho zasehlotyeni nangenxa yokuvuna kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ndilila kunye neYazere; ndiyakhala ngezidiliya zaseSibhema; ndiyinyhididi, Heshbhon nawe Eliyali. Ewe kaloku, isivuno asibonwa, imivuyo nemincili iyalambatha.