Isaiah 17:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Intlanga, njengokugquma kwamanzi amaninzi zingagquma; koko aya kuzitetisa, zide zisabele kude; zogxotwa njengomququ wentaba pambi kwomoya, nanjengentenda pambi kwesaqwiti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izizwe zingxola njengokungxola kwamanzi amaninzi; ke uThixo wozikhalimela, zisabe ziye kude, zisukelwe njengomququ weentaba phambi komoya, njengefukufuku lothuli phambi kwesaqhwithi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iintlanga ziya kugquma njengesandi samanzi amaninzi, kodwa uThixo uya kuzikhalimela, yaye ziya kusabela kude ziphetshethwe njengomququ ezintabeni phambi komoya nanjengomoya ovuthuza phambi kwesaqhwithi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izizwe zingade zibe ziyabhonga, zityhuluba okwamanz' olwandle, yena ukhalima kanye, zitsho zisabe; ziphephetheka ngathi luthuli endulini, ngathi yinkunkum' ibalek' isaqhwithi.