Isaiah 17:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti ngomhla lowo, ubungcwalisa buka‐Yakobi buya kutotyelwa pantsi, nokutyeba kwenyama yake kuya kunqina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuthi ngaloo mini, busweleke ubuqaqawuli bukaYakobi, ingcumbeke inyama yakhe etyebileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuthi ke ngaloo mini ubungcwele bukaYakobi bube buthathaka nokutyeba kwenyama yakhe kuya kuncipha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaloo mihla ubungangamsha bukaYakobi buya kuphutha, ukutyeba kwakhe kutsho kutsame.