Isaiah 18:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova etshilo kum ukuti: Ndiya kuti tu, ndibonele ndisendaweni yam yokuhlala; kungaba njengokufudumala okusileyo ekukanyeni kwelanga, njengelifu lombete ekufudumaleni kwexesha lokuvuna;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba utshilo uYehova kum ukuthi, Ndiya kuzola, ndibonele ndisendaweni yam; kufudumele, lisile, likho ilanga, kukho ilifu lombethe ekufudumaleni ngexa lokuvuna.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba utsho uYehova kum ukuthi: “Ndiza kuphumla, yaye ndiya kuqiniseka kwindawo yam yokuhlala njengobushushu botyani nanjengelifu lombethe ekufudumaleni kwesivuno.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kalok' *uNdikhoy' undixelele wathi: “Ndiya kuthi zole cwaka, ndijonge; ndoqwalasela ndisekhayeni lam ezulwini, ndizole ngathi kukuwa kombethe ebusuku, cwaka ngathi lilanga ligqats' ubhobhoyi.”