Isaiah 18:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
koko lingekabiko ixesha lokuvuna, nxa umqumbi selubonxile, na nxa idreyive emuncu ivutwa entyatyambeni, uya kunqumla intswazi ngezitshetshe zokusika, namagatya wowasusa, wowagaula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba phambi kokuvuna, akugqibela ukuphuma amathupha, intyantyambo yakuba yidiliya emuncu: uya kuwanqumla amasebe ngesitshetshe, awasuse awavikive anabayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ngaphambi kokuvuna, xa amathupha agqibela, naxa iidiliya ezimuncu zivuthwa entyantyambo, ufanele awagawule amasebe ngeemela zokuthena imithi, awasuse amasebe, awanqumle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iidiliya ziya kudubula zifeze, kodwa zithi ke zona zingekavunwa – ewe, kanye xa ziya ekuvuthweni – lusuke luthi vumbululu utshaba, luwahlabanisele luwageqe amaKushe, lula nje, ngathi kunqunyulw' amaseb' omdiliya.