Isaiah 18:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ziya kushiyelwa ndawonye kwintakakazi zentaba, nakwizilo zomhlaba; intakakazi ziya kulenza ihlobo pezu kwazo, nazo zonke izilo zomhlaba zobenza ubusika pezu kwazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Onke aya kushiywa abe ngawamaxhalanga eentaba, abe ngawamarhamncwa elizwe; amaxhalanga adlulise ihlobo phezu kwawo, onke amarhamncwa elizwe adlulise ubusika phezu kwawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oba kunye aya kushiywa abe ngawamaxhalanga eentaba, abe ngawamarhamncwa elizwe, afike kuwo iintaka ehlotyeni, achithe ubusika phezu kwawo onke amarhamncwa elizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izidumbu ke zosala zithe gangalala, zibe zizisulu zeentaka namaxhalanga. Ewe, ziya kuba lixhoba lamarhamncwa, iintaka zizenzele ehlotyeni – asisathethi ke ngamarhamncwa ebusika.