Isaiah 18:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngeloxesha kwoziswa umnikelo kuyehova wemikosi, uvela kubo abantu abacitekileyo abobukileyo, kwa kubo abantu aboyikekileyo ekuqaleni kwada kwakaloku; isizwe samandla amakulu nesokunyatela, esilizwe imilambo ilicandayo; woziswa endaweni yegama likayehova wemikosi, entabeni ye‐Ziyone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngelo xesha kuya kusiwa kuYehova wemikhosi isithabathaba, esingabantu abade, abagudileyo, bephuma kubantu aboyikekayo abangapha nangapha; kuhlanga olumithetho inzima, olugqushayo, olulizwe licandwacandwe yimilambo; sisiwe endaweni yegama likaYehova wemikhosi, entabeni yaseZiyon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha, isipho esivela kuYehova wemikhosi siya kuphuma kuhlanga oluthe saa nolwahlulelene, nakuhlanga olwalunzima ukususela ekuqaleni de kube ngoku; luhlanga olulinganiselweyo, olunyathelweyo, olulizwe lalo latshatyalaliswa yimilambo, lwesa endaweni yegama likaYehova wemikhosi, entabeni yeZiyon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ixesha liyeza apho uNdikhoyo uSomandla-onke aya kunikwa aphiwe imirhumo ngabo balizwe liphanjwe yimilambo, iingwanyalala zesizwe esimandla, amafaf' alusu lumpuluswa, izintw' ezoyikwa lilizwe jikelele. Ewe, baya kuza kwintaba iZiyon, apho anqulwa khona uNdikhoyo uSomandla-onke.