Isaiah 19:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenyaniso inkosana zase‐Tsohane zizidenge; abacebisi abalumkileyo baka‐Faro, icebo labo lidolile: ningati nina ukutsho ku‐Faro ukuti: Ndingunyana wamalumko, ndingunyana wokumkani bakudala?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bazizimathane zodwa abathetheli baseTsohan; amaphakathi alumkileyo kaFaro, icebo labo libubutyhakala. Ningathini na ukuthi kuFaro, Ndingunyana wezilumko, ndingunyana wookumkani bamandulo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Eneneni, iinkosana zaseTsowane ziziziyatha, icebo labacebisi abalumkileyo bakaFaro lidelekile; Ningathini na ukuthi kuFaro, Ndingunyana wezilumko, ndingunyana wookumkani bamandulo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amaphakathi aseZowan wona zizityhakala; loo matshawe alumkileyo ayalahlekisa! Ngani ukuba ade athi kukumkani: “Thina siziingcaphephe zeengqondi, amahlakani ezikumkani zamandulo”?