Isaiah 19:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomhla lowo ama‐Jipete oba njengabafazi; aya kungcangcazela oyike, ngenxa yokuvivinya kwesandla sikayehova wemikosi, aya kusivivinya ngakuwo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mini amaYiputa aya kuba njengabafazi, agubhe, ankwantye phambi kokulingisa ngesandla kukaYehova wemikhosi, alingisa ngaso kuwo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini iJiputa yoba njengamankazana, yoyike, ngenxa yesandla sikaNdikhoyo uSomandla-onke esilingisa phezu kwayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mihla ke amaJiputa aya kuba ngamatyutyusi amagwala. Aya kuphakuzela oyike akuqonda ukuba isandla *sikaNdikhoyo uSomandla-onke sijinga phezu kwawo.