Isaiah 19:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ilizwe lakwa‐Juda loba sisoyikiso kwi‐Jipete; osukuba elikankanya uya kwoyika pakati kwake, ngenxa yecebo likayehova wemikosi, ayicebileyo ngakuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umhlaba wakwaYuda woyixhalabisa iYiputa; athi othe wawukhankanya kuyo, ankwantye, ngenxa yecebo likaYehova wemikhosi, alicebileyo ngayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilizwe lakwaYuda liya kuyinkwantyisa iYiputa; wonke umntu othi uzoloyika icebo likaYehova lamabhunga alicwangciseyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaJiputa aya kurhwaqeliswa nakukukhankanywa oku kukaJuda; kuwo kosuka kuthi qatha isicwangciso sikaNdikhoyo uSomandla-onke.