Isaiah 19:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiya kutelekisa ama‐Jipete ngakuwo ama‐Jipete, aeya kulwa omnye ngakuye umzalwana wake, omnye ngakuye ummelwane wake; isixeko ngakuso isixeko, ubukumkani ngakubo ubukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
AmaYiputa ndiya kuwaxhokonxela kwa-amaYiputa, alwe elowo nomzalwana wakhe, elowo nommelwane wakhe, umzi nomzi, ubukumkani nobukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuwaxhokonxa amaYiputa phezu kwamaYiputa, alwe elowo nomzalwana wakhe, elowo nomzalwana wakhe; Isixeko siyavukelana nesixeko, yaye ubukumkani buvukela ubukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo ke uthethe wathi: “Ndiza kuxhokonxa umJiputa avukele umJiputa; elowo nalowo uza kuvukelana nomntakwabo, ummelwane avukelane nommelwane. Ngokunjalo isixeko sovukelana nesixeko; ewe, uburhulumente bovukelana noburhulumente.